ISEBE LEZOBULUNGISA KUNYE NOPHUHLISO LOMGAQO-SISEKO
Thina kwiSebe sizibophelele ekubekeni le mithethosiseko "aBantu kuQala" ilandelayo ukuba isebenze ngaphandle kokulibazisa. Siyakubeka uphunyezo oluya kufika kwimigangatho ephakamileyo kunye neyamkelekileyo nenobulunga yeenkonzo ngokukhawuleza.
UQHAGAMSHELWANO
Kufanele ukuba abemi kudityanwe nabo malunga nomgangatho kunye nobulunga benkonzo karhulumente abayifumanayo, kwaye apho kukho khona imfuneko kufuneka bazikhethele kwiinkonzo ezinikezwayo.
Kufuneka uqiniseke ukuba uQhagamshelwano lwenziwa rhoqo kwaye lube ngendlela eyiyo ukwenzela ukuba i-ofisi yakho izazi iimfuno zabaxhasi bakho.
IMIGANGATHO YENKONZO
Abemi kufuneka baxelelwa ngomgangatho kunye nobulunga benkonzo zikarhulumente abaza kuzifumana ukwenzela ukuba bazi ukuba balindele ntoni na.
Unemfanelo kunye noxanduva olupheleleyo kwiqumrhu lowiso-mthetho ekuphumezeni inkqubo kaRhulumente, ngoko kufuneka uqinisekise ukuba iinkonzo zinekezwa ngomgangatho owamkelekileyo kubaxhasi.
UFIKELELO
Bonke abemi kufanele ukuba babe nokufikelela okulinganayo kwiinkonzo abanelungelo lazo.
Kufuneka ukuba ucacise kwaye uyibeke into ojolise kuyo kufikelelo oluqhubayo nolunyukayo usenzela abo bebengazifumani ngaphambili, umzekelo abantu abaZizilima. Kufuneka uqinisekise ukuba yonke imiqobo yofikelelo iyasuswa.
IMBEKO
Abemi kufanele ukuba baphathwe ngembeko kwaye bacingelwe.
Kufuneka uqinisekisa ukuba iikhowudi zokuziphatha ziquka imigangatho yendlela abaxhasi ekufuneka ukuba baphathwe ngayo
ULWAZI
Abemi kufuneka ukuba banikwe ulwazi olupheleleyo noluchanekileyo malunga neenkonzo zikarhulumente elilungelo labo ukuba bazifumane
Ulwazi sesinye sezixhobo ezinamandla kumxhasi ukuba asebenzise ilungelo lakhe lenkonzo elungileyo. Ii-ofisi mazinike ulwazi olupheleleyo, oluchanekileyo noluhlaziyiweyo malunga neenkonzo ezizinikayo.
UKUTYHILEKA KUNYE NOKUNGAFIHLI NTO
Abemi kufuneka ukuba baxelelwe ukuba kusetyenzwa njani na kwii-ofisi zikaZwelonke kunye nezemiMandla, zixabisa kangakanani na kwaye ngubani oziphetheyo.
Ayingobaxhasi bangaphandle kuphela ekumele ukuba bafikelele kolu hlobo lolwazi kodwa naso nesitafu sangaphakathi. Ulawulo malube yincwadi evulekileyo. Kufuneka ukuba unike ulwazi kumsebenzi wakho kwimigangatho ebekiweyo ukuze ukufezekiswa kwezithembiso, ulondolozo lwezimali luphucuke kwaye kube kwimpumelelo ekhulayo. Iinkcukacha zamalungu esitafu kunye nezamagosa aphezulu mazingabi yimfihlo.
UKULUNGISA
Ukuba ngaba imigangatho yenkonzo ethenjisiweyo ayifezekiswa, kufuneka kucelwe uxolo kubemi, inkcazo egcweleyo kunye nonyango olukhawulezileyo nolusebenzayo kwaye xa izikhalazo zenziwe, abemi mabafumane impendulo entle nenovelwano.
Ukuba nako kunye nokuvuma ukuba kubekho into oyenzayo xa izinto zingahambi yinxenye efunekayo kwinkqubo yokumiswa kwemigangatho. Kufuneka uyikhuthaze impendulo kwi-ofisi yakho.
IXABISO NGEMALI
Iinkonzo zikarhulumente kufuneka zinikwe ngokwezoqoqosho kunye nangokwaneleyo ukwenzela ukunika abemi elona xabiso lililo lemali yabo.
Kufuneka ukuba uchonge imimandla apho ulondolozo olwaneleyo luyakufunwa khona kunye nokuphucuka kufezekiso lwenkonzo oziphuma zalo iya kuba kukuphumeza ulondolozo. Kufuneka ukuba imali yakho iqeshwe ngobulumko.
Umthetho-siseko okhokelayo wenkonzo karhulumente kwiSebe iya kuba ngulowo wenkonzo ebantwini
Ukuphucula ukufezekiswa kweenkonzo yinjongo yokugqibela yeSebe
